Izhibhalo Ezingcwele, 2 YooKumkani, Chapitre 15. is available here: https://www.bible.promo/chapters.php?id=10328&pid=14&tid=1&bid=65
Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible

Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / 2 YooKumkani

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

1 YooKumkani 2 YooKumkani 1 YeziKronike

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25

1 Ngomnyaka wamashumi omabini anesixhenxe kaYarobheham ukumkani wakwaSirayeli, waba ngukumkani uAzariya, unyana ka-Amatsiya ukumkani wakwaYuda.

2 Ubeminyaka ilishumi linamithandathu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. Waba neminyaka emashumi mahlanu anamibini engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYekoliya waseYerusalem.

3 Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uAmatsiya uyise;

4 kodwa azisuswanga iziganga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni.

5 UYehova wambetha ukumkani, waba neqhenqa kwada kwayimini yokufa kwakhe; wahlala endlwini eyodwa. Ke uYotam, unyana wokumkani, ebephethe ibhotwe, ebalawula abantu belizwe.

6 Ezinye izinto zika-Azariya, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?

7 Walala uAzariya kooyise; bamngcwabela kooyise emzini kaDavide. UYotam, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

8 Ngomnyaka wamashumi omathathu anesibhozo ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uZekariya, unyana kaYarobheham, kumaSirayeli kwaSamari, iinyanga ezintandathu.

9 Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengoko benza ngako ooyise; akatyeka ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli.

10 UShalum unyana kaYabheshe wamceba, wamxabela phambi kwabantu, wambulala; waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

11 Ezinye izinto zikaZekariya, nanzo zibhaliwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli.

12 Lilizwi elo awalithethayo uYehova kuYehu lokuthi, Kuwe kuya kuhlala oonyana besesine isizukulwana etroneni yakwaSirayeli. Kwaba njalo ke.

13 UShalum unyana kaYabheshe waba ngukumkani ngomnyaka wamashumi omathathu anesithoba kaUziya ukumkani wakwaYuda. Waba ngukumkani inyanga iphela kwaSamari.

14 Wenyuka uMenahem unyana kaGadi, esuka eTirtsa, waya kwaSamari, wamxabela uShalum unyana kaYabheshe kwaSamari, wambulala, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

15 Ezinye izinto zikaShalum, necebo lakhe awalicebayo, nanzo zibhalwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli.

16 Waza uMenahem wachitha iTifesa nento yonke ebikuyo, nemida yayo, ephuma eTirtsa; ngokuba ingamvulelanga, wayixabela; wabaqangqulula bonke abamithiyo kuyo.

17 Ngomnyaka wamashumi omathathu anesithoba ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uMenahem unyana kaGadi kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka yalishumi.

18 Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli, yonke imihla yakhe.

19 Walifikela ilizwe uPuli, ukumkani waseAsiriya; uMenahem wamnika uPuli iwaka leetalente zesilivere, ukuze izandla zakhe zibe ngakuye, ukuze abuqinise ubukumkani esandleni sakhe.

20 UMenahem wayibiza isilivere leyo kumaSirayeli, kumadoda onke azizityebi, ukuba anike ukumkani waseAsiriya: yangamashumi omahlanu eeshekele zesilivere kumntu emnye. Wabuya ke ukumkani waseAsiriya; akahlala ezweni elo.

21 Ezinye izinto zikaMenahem, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?

22 Walala uMenahem kooyise; uPekaya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

23 Ngomnyaka wamashumi omahlanu ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uPekaya, unyana kaMenahem, kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka yamibini.

24 Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli.

25 UPeka, unyana kaRemaliya, umphathi-mkhosi wakhe, wamceba wamxabela kwaSamari enqabeni yendlu yokumkani, noArgobhi noAriye, enamadoda angamashumi omahlanu koonyana bamaGiliyadi; wambulala, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

26 Ezinye izinto zikaPekaya, nako konke awakwenzayo, nanzo zibhaliwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli.

27 Ngomnyaka wamashumi omahlanu anamabini ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, uPeka, unyana kaRemaliya, waba ngukumkani kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka yamashumi mabini.

28 Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli.

29 Ngemihla kaPeka ukumkani wakwaSirayeli, kwafika uTigelate-pilezere ukumkani waseAsiriya, wayithabatha i-Iyon, neAbhele-bhete-mahaka, neYanowa, neKedeshe, neHatsore, nelaseGiliyadi, nelaseGalili, lonke ilizwe lakwaNafetali; wabathimba, wabafudusa wabasa eAsiriya.

30 UHoseya unyana kaEla wamceba uPeka unyana kaRemaliya, wamxabela, wambulala, waba ngukumkani esikhundleni sakhe ngomnyaka wamashumi amabini kaYotam, unyana kaUziya.

31 Ezinye izinto zikaPeka, nako konke awakwenzayo, nanzo zibhaliwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli.

32 Ngomnyaka wesibini kaPeka unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli, waba ngukumkani uYotam unyana kaUziya, ukumkani wakwaYuda.

33 Ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. Waba neminyaka elishumi linamithandathu engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYerusha, intombi kaTsadoki.

34 Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova; wenza njengako konke awakwenzayo u-Uziya uyise.

35 Kodwa iziganga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni. Yena walakha isango langasentla lendlu kaYehova.

36 Ezinye izinto zikaYotam, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?

37 Ngaloo mihla waqala uYehova ukuthumela kwaYuda uRetsin, ukumkani wakwa-Aram, noPeka unyana kaRemaliya.

38 Walala uYotam kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide uyise; uAhazi, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

<< ← Prev Top Next → >>