Izhibhalo Ezingcwele, AbaGwebi, Chapitre 1. is available here: https://www.bible.promo/chapters.php?id=10212&pid=9&tid=1&bid=65
Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible

Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / AbaGwebi

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYoshuwa AbaGwebi URute

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21

1 Kwathi emva kokufa kukaYoshuwa, babuza oonyana bakaSirayeli kuYehova, besithi, Ngubani na oya kusiqalela ukunyuka aye kumaKanan, alwe nawo?

2 Wathi uYehova, Konyuka uYuda: yabonani, ndilinikele ilizwe esandleni sakhe.

3 Wathi uYuda kuSimon umkhuluwa wakhe, Nyuka nam, siye eqashisweni lam silwe namaKanan; nam ndoya nawe eqashisweni lakho. USimon wahamba naye ke.

4 Wenyuka ke uYuda; uYehova wawanikela amaKanan namaPerizi esandleni sabo. Bawabulala eBhezeki amadoda angamawaka alishumi.

5 UAdoni waseBhezeki bamfumana eBhezeki, balwa naye, bawabulala amaKanan namaPerizi.

6 Wasaba uAdoni waseBhezeki; bamsukela, bambamba, bamnqumla oozithupha noobhontsi.

7 Wathi uAdoni waseBhezeki, Ookumkani abamashumi asixhenxe babechola phantsi kwetafile yam, benqunyulwe oozithupha noobhontsi; njengoko ndenza ngako, wenjenjalo uThixo ukubuyekeza kum. Bamsa eYerusalem, wafela khona.

8 Ke kaloku oonyana bakaYuda balwa neYerusalem, bayithimba, bayibulala ngohlangothi lwekrele, bathi umzi bawufaka umlilo.

9 Behla emveni koko oonyana bakaYuda, baya kulwa namaKanan abehleli kweleentaba, nakwelasezantsi, nakweleentlambo.

10 Waya uYuda kumaKanan abehleli eHebron; igama leHebron ngenxa engaphambili beliyiKiriyati ka-Arbha; babulala uSheshayi, noAhiman, noTalemayi.

11 Wesuka khona waya kubemi baseDebhiri; igama leDebhiri ngenxa engaphambili beliyiKiriyati-sefere.

12 Wathi uKalebhi, Othe wayingenela iKiriyati-sefere, wayithimba, ndomnika intombi yam, uAkesa, ibe ngumkakhe.

13 Wayithimba uOteniyeli unyana kaKenazi, umninawa kaKalebhi; wamnika ke intombi yakhe, uAkesa, yangumkakhe.

14 Kwathi ekuzeni kwayo, yamvuselela ukuba acele umhlaba kuyise wayo; yehla e-esileni layo. Wathi uKalebhi kuyo, Yintoni na?

15 Yathi kuye, Ndinike into, ngokuba undinike umhlaba ongenamanzi; ndinike nemithombo yamanzi. UKalebhi wayinika ke imithombo yasentla nemithombo yasezantsi.

16 Oonyana bomKeni, uyise womkaMoses, benyuka eMzini wamaSundu noonyana bakaYuda, baya kwintlango yakwaYuda, engasezantsi kweArade, baya bahlala nabantu abo.

17 Waya uYuda noSimon umkhuluwa wakhe, bawabulala amaKanan abehleli eTsefati, bayitshabalalisa. Kwathiwa igama laloo mzi yiHorma.

18 UYuda wayithimba iGaza nommandla wayo, neAshkelon nommandla wayo, ne-Ekron nommandla wayo.

19 UYehova waye enoYuda, wabagqogqa abeentaba; kodwa ebengenako ukubagqogqa abemi bentili, ngokuba baye beneenqwelo zesinyithi.

20 Bamnika uKalebhi umzi waseHebron, njengoko wathethayo uMoses; wabagqogqa apho oonyana bobathathu baka-Anaki.

21 Ke amaYebhusi, abehleli eYerusalem, abawagqogqanga oonyana bakaBhenjamin. Ahleli amaYebhusi noonyana bakaBhenjamin eYerusalem unanamhla.

22 Indlu kaYosefu yenyuka nayo, yaya kuyingenela iBheteli; uYehova waye enayo.

23 Indlu kaYosefu yayihlola iBheteli; ke igama laloo mzi ngenxa engaphambili beliyiLuzi.

24 Iintlola ezo zambona umntu ephuma kuloo mzi, zathi kuye, Khawusibonise ithuba lokungena kulo mzi; sokwenzela inceba.

25 Wazibonisa ithuba lokungena kuloo mzi; zawubulala umzi ngohlangothi lwekrele; bamndulula loo mntu nemizalwane yakhe yonke.

26 Waya loo mntu ezweni lamaHeti, wakha umzi, wathi igama lawo yiLuzi; ligama lawo unanamhla.

27 UManase akayigqogqanga iBhete-shehan namagxamesi ayo, neTahanaki namagxamesi ayo, nabemi baseDore namagxamesi ayo, nabemi baseIhlam namagxamesi ayo, nabemi baseMegido namagxamesi ayo; ke amaKanan aphikela ukuhlala kwelo zwe.

28 Kwathi, akomelela amaSirayeli, awafaka uviko amaKanan, akawagqogqa awagqibe.

29 UEfrayim akawagqogqanga amaKanan abemi eGezere; ahlala amaKanan phakathi kwakhe eGezere.

30 UZebhulon akabagqogqanga abemi baseKitron nabemi baseNahaloli; ahlala amaKanan phakathi kwakhe, afakwa uviko.

31 UAshere akabagqogqanga abemi baseAko, nabemi baseTsidon, neAhalabhi, neAkezibhi, neHelebha, neAfiki, neRehobhi.

32 Ama-Ashere ahlala phakathi kwamaKanan abemi kwelo zwe; ngokuba akawagqogqanga.

33 UNafetali akabagqogqanga abemi baseBhete-shemeshe, nabemi baseBhete-anati; wahlala phakathi kwamaKanan abemi kwelo zwe. Abemi baseBhete-shemeshe nabaseBhete-anati bafakwa uviko nguye.

34 Ama-Amori abaxinela kweleentaba oonyana bakaDan; ngokuba akabavumelanga ukuba behle beze entilini.

35 Ama-Amori aphikela ukuhlala eHarheres, naseAyalon, naseShahalebhim. Isandla sendlu kaYosefu saba nzima, afakwa uviko.

36 Umda wama-Amori wathabathela eqhineni leAkrabhim, engxondorheni, wenyusa.

<< Prev Top Next → >>