Izhibhalo Ezingcwele, IiNdumiso, Chapitre 42. is available here: https://www.bible.promo/chapters.php?id=10520&pid=21&tid=1&bid=65
Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible

Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 Kumongameli: eyokuqiqa; eyoonyana bakaKora. Njengexhama elitsalela emifuleni yamanzi, Wenjenjalo ukutsalela kuwe, Thixo, umphefumlo wam.

2 Umphefumlo wam unxanela uThixo, uThixo ophilileyo; Ndiya kufika nini na, ndibonakale ebusweni bukaThixo?

3 Iinyembezi zam zaba kukudla kwam imini nobusuku, Bakuthi kum imihla yonke, Uphi na uThixo wakho?

4 Ndikhumbula oku, ndiwuphalazela kum umphefumlo wam, Ukuhamba kwam nezihlwele ndisiya endlwini kaThixo, Sinezwi lokumemelela nokubulela, siyingxokolo evuyayo.

5 Kungani na ukuba usibekeke, mphefumlo wam; Kungani na ukuba ugule ngaphakathi kwam? Lindela kuThixo, ngokuba ndisaya kubuya ndibulele kuye, Olusindiso lobuso bam, noThixo wam.

6 Thixo wam, umphefumlo wam usibekekile kum; ngenxa yoko ndikhumbula wena Ezweni laseYordan, nakweleHermon, entabeni yeMitsare.

7 Amanzi anzongonzongo abiza amanzi anzongonzongo ngesandi seengxangxasi zakho; Onke amaza akho alwayo, amaza akho agugumayo, adlule phezu kwam.

8 Emini uYehova uya kuyiwisela umthetho inceba yakhe, Nasebusuku ukuvuma ngaye kunam, Ukuthandaza kuThixo wobomi bam.

9 Ndithi ke kuThixo oyingxondorha yam, Undilibele ngani na? Ndihambelani na ngezimnyama zokuzila ngokuxina kotshaba?

10 Ngento ephehlayo emathanjeni am, bayandingcikiva abandibandezelayo, Ngokuthi kwabo kum imihla yonke, Uphi na uThixo wakho?

11 Kungani na ukuba usibekeke, mphefumlo wam; Kungani na ukuba ugule ngaphakathi kwam? Lindela kuThixo, ngokuba ndisaya kubuya ndibulele kuye, Olusindiso lobuso bam, noThixo wam.

<< ← Prev Top Next → >>