Izhibhalo Ezingcwele, 2 YooKumkani, Chapitre 4. is available here: https://www.bible.promo/chapters.php?id=10317&pid=14&tid=1&bid=65
Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible

Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / 2 YooKumkani

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

1 YooKumkani 2 YooKumkani 1 YeziKronike

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25

1 Ke kaloku umfazi othile kubafazi boonyana babaprofeti wakhala kuElisha, esithi, Umkhonzi wakho indoda yam ifile. Uyazi wena ukuba umkhonzi wakho lowo ebemoyika uYehova; ke umboleki-mali uze kubathabathela kuye oonyana bam bobabini, ukuba babe ngamakhoboka.

2 Wathi uElisha kuye, Ndikwenzele ntoni na? Ndixelele, unantoni na endlwini? Wathi, Umkhonzazana wakho akananto endlwini, kuphela ligubu leoli.

3 Wathi, Hamba uye kuzibolekela izitya ngaphandle, kubamelwane bakho bonke, izitya ezize; zingabi mbalwa;

4 ungene, uzivalele wena noonyana bakho, uthululele kwezo zitya zonke, uzishenxise ezizeleyo.

5 Wemka ke kuye, wazivalela, yena noonyana bakhe; bezisa kuye bona, wathulula yena.

6 Kwathi, zakuzala izitya, wathi kunyana wakhe, Zisa esinye isitya kum. Wathi yena kuye, Akusekho sitya: yanqamka ke ioli.

7 Waya waxelela umfo wakwaThixo; wathi yena, Hamba uye kuthengisa ngeoli leyo, uhlawule ityala lakho, uphile wena noonyana bakho ngeseleyo.

8 Kwathi ngamhla uthile, uElisha wagqithela eShunem, apho kwaye kukho intokazi elinonokazi; yamzama ukuba adle isonka. Ubesithi, xa agqithayo, aphambukele khona ukuba adle isonka.

9 Yathi endodeni yayo, Uyabona ke, ndiyaqonda ukuba lo mfo ungcwele wakwaThixo umana egqitha apha.

10 Masenze eludongeni igunjana eliphezulu, simbekele khona isingqengqelo, netafile, nesihlalo, nesibane, angene khona akuphambukela kuthi.

11 Kwathi ngamhla uthile waya khona, waphambukela egumbini elo liphezulu, walala khona.

12 Wathi kuGehazi umfana wakwakhe, Biza lo mShunemekazi.

13 Wambiza; wema phambi kwakhe. Wathi kuye, Khawuthi kuye, Uyabona, usinyamekele ngayo yonke le nyameko; unga ungenzelwa ntoni na ke? Unelizwi ongalenzelwayo na kukumkani, nokuba kukumthetheli-mkhosi? Wathi yena, Ndihleli phakathi kwabantu bakowethu.

14 Wathi, Makenzelwe ntoni na? Wathi uGehazi, Inyaniso, akananyana; indoda yakhe yaluphele.

15 Wathi, Mbize. Wambiza, wafika, wema emnyango.

16 Wathi, Mayela neli xesha nyakenye uya kusingatha unyana. Wathi yena, Musa, nkosi yam, mfo wakwaThixo, musa ukuthetha amanga kumkhonzazana wakho.

17 Wamitha ke loo mfazi, wazala unyana ngelo xesha limisiweyo lanyakenye, abelithethile uElisha kuye.

18 Wakhula umntwana, kwathi ngamhla uthile, waphuma waya kuyise, kubavuni.

19 Wathi kuyise, Intloko yam, intloko yam! Wathi kumfana, Mthwale, umse kunina.

20 Wamthwala, wamsa kunina; wahlala emathangeni akhe, kwada kwasemini enkulu, waqhawuka ke.

21 Wenyuka, wamlalisa esingqengqelweni somfo wakwaThixo, wamvalela, waphuma.

22 Wabiza indoda yakhe, wathi, Khawundithumele omnye wakubafana, nenye yeemazi zamaesile, khe ndithi gxada, ndiye kumfo wakwaThixo, ndibuye ndibuye.

23 Wathi yena, Yini na ukuba uhambe uye kuye namhla? Akuthwase nyanga, asiyisabatha. Wathi yena, Kulungile.

24 Wayibopha imazi ye-esile, wathi kumfana lowo, Qhuba uhambe, musa ukuzibambezela ekukhweleni ngenxa yam, ndigatshonga kuwe.

25 Wahamba wada weza kumfo wakwaThixo entabeni yeKarmele. Waza umfo wakwaThixo, akumbona esekude, wathi kuGehazi umfana, Nankuya laa mShunemekazi;

26 khawugidime ngoku, umkhawulele, uthi kuye, Uhleli kakuhle na? Ihleli kakuhle na indoda yakho? Uhleli kakuhle na umntwana? Wathi, Kusahleliwe kakuhle.

27 Akufika kumfo wakwaThixo entabeni, wambamba ngeenyawo. Wasondela uGehazi ukuba amsunduze; wathi umfo wakwaThixo, Myeke, ngokuba umphefumlo wakhe ukrakra; uYehova undifihlele, akandixelela.

28 Wathi, Ndakha ndacela unyana yini na enkosini yam? Ndandingatshongo yini na ukuthi, Uze ungandilahlekisi?

29 Wathi kuGehazi, Bhinqa isinqe sakho, uphathe umsimelelo wam esandleni sakho, uhambe. Ukuba uthe waqubisana nomntu, uze ungambulisi; ukuba uthe umntu wakubulisa, uze ungamphenduli; uze uwubeke umsimelelo wam phezu kobuso benkwenkwe leyo.

30 Wathi unina wenkwenkwe, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Wesuka ke wamlandela.

31 UGehazi wagqithela phambili kubo, wafika wawubeka umsimelelo phezu kobuso benkwenkwe; akwabakho lizwi, akwabakho kushukuma. Wabuya waya kumkhawulela, wamxelela, wathi, Inkwenkwe ayivukanga.

32 Wafika uElisha endlwini; nantso inkwenkwe ifile, ilele esingqengqelweni sakhe.

33 Wangena, waluvala ucango, bebobabini; wathandaza kuYehova.

34 Wenyuka, walala phezu komntwana lowo, wabeka umlomo wakhe phezu komlomo wakhe, amehlo akhe phezu kwamehlo akhe, izandla zakhe phezu kwezandla zakhe, wazolula phezu kwakhe; yafudumala inyama yomntwana.

35 Wabuya, wahamba endlwini, wasinga ngapha kwakanye, wasinga ngapha kwakanye, wenyuka wazolula phezu kwakhe. Yathimla inkwenkwe izihlandlo ezisixhenxe, yawavula inkwenkwe amehlo ayo.

36 Wabiza uGehazi, wathi, Biza laa mShunemekazi. Wambiza. Weza ke kuye, wathi, Mthabathe unyana wakho.

37 Weza, waziphosa ezinyaweni zakhe, waqubuda kuye, wamthabatha unyana wakhe, waphuma.

2 YooKumkani 4:37 - Elisha Raises Dead Boy
Elisha Raises Dead Boy
38 Ke kaloku uElisha wabuya, waya eGiligali. Kwakukho indlala elizweni; oonyana babaprofeti babehleli phambi kwakhe. Wathi kumfana lowo, Beka imbiza enkulu eziko, ubaphekele ukudla oonyana babaprofeti.

39 Waphuma omnye, waya kufuna imifuno endle; wafumana uthangazana, wakha amathangazana kulo; yazala ingubo yakhe. Wafika, wawaxabelela embizeni yokupheka; ngokuba babengawazi.

40 Bawaphakela amadoda ukuba adle. Kwathi, xa akudlayo oko kudla, akhala wona, athi, Mfo wakwaThixo, kukho ukufa embizeni le. Akaba nako ukukudla.

41 Wathi, Yizani nomgubo. Wawugalela embizeni, wathi, Baphakele abantu, badle; akwabakho nto imbi embizeni.

42 Kwavela indoda eBhahali-shalisha, yamzisela umfo wakwaThixo ukudla okutsha: izonka zerhasi ezimashumi mabini, namakhweba engxoweni yakhe. Wathi, Nika abantu, badle.

43 Wathi umlungiseleli wakhe, Ndothini na ukukubeka oku phambi kwekhulu lamadoda? Wathi, Nika abantu, badle; ngokuba utsho uYehova ukuthi, Baya kudla, bade bakushiye.

44 Wabeka ke phambi kwabo; badla bakushiya, ngokwelizwi likaYehova.

<< ← Prev Top Next → >>