Izhibhalo Ezingcwele, Eksodus, Chapitre 2. is available here: https://www.bible.promo/chapters.php?id=10052&pid=4&tid=1&bid=65
Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible

Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / Eksodus

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

Genesis Eksodus Levitikus

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40

1 Kwaphuma umfo wendlu kaLevi, wazeka intombi yakwaLevi.

2 Wamitha umfazi lowo, wazala unyana; wambona ukuba mhle, wamfihla iinyanga ezintathu.

3 Wathi, akuba engasenako ukumfihla, wamthabathela umkhombe wemikhanzi, wawutyabeka ngebhitumene netywina, wamfaka kuwo umntwana, wawubeka engcotyeni, elunxwemeni lomlambo.

4 Udade wabo wema mgama, ukuze ayazi into eya kwenzeka kuye.

5 Yehla ke intombi kaFaro, isiya kuqubha emlanjeni; baye abakhonzazana bayo behamba ngasecaleni lomlambo. Yabona umkhombe engcotyeni phakathi, yathuma umkhonzazana wayo, ukuba aye kuwuthabatha.

6 Yawunqika, yambona umntwana; nantso inkwenkwana ilila. Yaba nofefe ngayo, yathi, Ngumntwana wamaHebhere lo.

Eksodus 2:6 - Pharoah\'s Daughter Finds Moses
Pharoah\'s Daughter Finds Moses
7 Wathi udade wabo kwintombi kaFaro, Ndiye kukubizela na umfazi wamaHebhere onokwanyisa, akwanyisele umntwana?

8 Yathi intombi kaFaro kuye, Yiya. Yaya ke intombi leyo, yabiza unina womntwana.

9 Yathi intombi kaFaro kuye, Thabatha lo mntwana, umanyise; ndokunika umvuzo wakho mna. Umfazi lowo wamthabatha umntwana, wamanyisa.

10 Wakhula umntwana, wamsa ke kwintombi kaFaro, waba ngunyana wayo. Yamthiya igama elinguMoses, yathi, Ndamrhola emanzini.

11 Kwathi ke ngaloo mihla, akukhula uMoses, waphuma waya kubazalwana bakhe, ekhangela imithwalo yabo. Wabona umYiputa ebetha umHebhere wakubazalwana bakhe.

12 Wabhekabheka, wathi akuba engaboni mntu, wamthi qwaka umYiputa, wamselela entlabathini.

Eksodus 2:12 - Moses Kills Egyptian
Moses Kills Egyptian
13 Waphuma ngemini yesibini; wabona amaHebhere emabini entlalana; wathi kowone omnye, Yini na ukuba umbethe ummelwane wakho?

14 Wathi yena, Umiswe ngubani na ukuba ube ngumthetheli nomgwebi phezu kwethu? Uza kundibulala na nam, usitsho nje, njengokuba umbulele umYiputa? Woyika uMoses, wathi, Mayibe le nto iyaziwa.

15 UFaro wayiva le nto, wafuna ukumbulala uMoses. Wabaleka uMoses, wemka kwaFaro, waya kuma ezweni lakwaMidiyan, wahlala phantsi ngasequleni.

16 Ke kaloku umbingeleli wakwaMidiyan wayeneentombi ezisixhenxe; zeza kukha amanzi, zayizalisa imikhumbi ukuba ziseze impahla emfutshane kayise.

17 Bafika abalusi, bazigxotha. Wesuka uMoses wazinceda, wayiseza impahla yazo emfutshane.

18 Zakufika kuRehuweli uyise, wathi, Nitheni na namhlanje ukuhle nifike?

19 Zathi, Sihlangulwe ngumYiputa esandleni sabalusi; kunjalo wasikhelela amanzi, wayiseza impahla emfutshane.

20 Wathi ezintombini zakhe, Uphi na? Nimshiyeleni na umntu lowo? Mbizeni, adle isonka.

21 Wakholwa uMoses kukuhlala naloo ndoda. Yamnika uMoses uTsipora, intombi yayo.

22 Yazala unyana, wamthiya igama elinguGershom, kuba ubesithi, Ndingumphambukeli ezweni lolunye uhlanga.

23 Kwathi emva kwaloo mihla mininzi wafa ukumkani waseYiputa. Bancwina oonyana bakaSirayeli ngenxa yomsebenzi, bakhala; kwenyuka ukuzibika kwabo, kwaya kuThixo, ngenxa yomsebenzi.

24 Wakuva uThixo ukugula kwabo, wawukhumbula uThixo umnqophiso wakhe noAbraham, noIsake, noYakobi.

25 UThixo wababona oonyana bakaSirayeli, wabazi uThixo.

<< ← Prev Top Next → >>