Izhibhalo Ezingcwele, Genesis, Chapitre 38. is available here: https://www.bible.promo/chapters.php?id=10038&pid=3&tid=1&bid=65
Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible

Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / Genesis

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

Genesis Eksodus

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50

1 Kwathi ngelo xesha, wehla uYuda, esuka kubazalwana bakhe, waya wayimisa intente yakhe ngakwindoda yaseAdulam, egama linguHira.

2 UYuda wabona khona intombi yendoda engumKanan, egama linguShuwa; wayizeka, wayingena.

3 Yamitha, yazala unyana; wathi igama lakhe nguEre.

4 Yabuya yamitha, yazala unyana; yathi igama lakhe nguOnan.

5 Yabuya yaphinda yamitha, yazala unyana; yathi igama lakhe nguShela; wayeseKezibhi ukumzala kwakhe.

6 UYuda wamzekela uEre, amazibulo akhe, umfazi ogama linguTamare.

7 Ke uEre, amazibulo kaYuda, ubeneentlondi ezimbi emehlweni kaYehova; waza uYehova wambulala.

8 UYuda wathi kuOnan, Yiya kumfazi womkhuluwa wakho, umngene, umvelisele imbewu umkhuluwa wakho.

9 Wayesazi uOnan ukuba imbewu ayiyi kuba yeyakhe; wathi, xa sukuba esiya kumfazi womkhuluwa wakhe, wayiphalazela emhlabeni ukuze angamniki mbewu umkhuluwa wakhe.

10 Kwaba kubi emehlweni kaYehova oko wakwenzayo; ngoko wambulala naye.

11 Wathi uYuda kuTamare, umolokazana wakhe, Hlala ungumhlolokazi endlwini kayihlo, ade akhule uShela, unyana wam; kuba wathi, Hleze afe naye, njengabakhuluwa bakhe. Wemka uTamare, waya kuhlala endlwini kayise.

12 Zakuba ninzi iintsuku, yafa intombi kaShuwa, umkaYuda Akuthuthuzeleka uYuda, wenyuka waya kubachebi bempahla yakhe emfutshane, yena noHira, isihlobo sakhe saseAdulam, kwaTimna.

13 Waxelelwa uTamare kwathiwa, Nanko uyihlozala, enyuka esiya kucheba impahla yakhe emfutshane kwaTimna.

14 Wazisusa iingubo zobuhlolokazi bakhe, wazigqubuthela ngesigqubuthelo, wazithi wambu, wahlala phantsi esangweni le-Enayim, engasendleleni eya kwaTimna; kuba ubebona ukuba ukhulile uShela, akasiwa noko kuye ukuba abe ngumkakhe.

15 UYuda wambona, waba ulihenyukazi, kuba ebegqubuthele ubuso.

16 Wathi gu bucala, waya kuye endleleni wathi, Khawuze, ndikungene; kuba ubengazi ukuba ngumolokazana wakhe. Wathi, Wondinika ntoni na, ukuze ndikuvumele ukuba undingene?

17 Wathi, Mna ndothumela ndithabathe itakane lebhokwe elisempahleni emfutshane. Wathi, Ewe, ukuba uthe wandinika isibambiso, ude ulithumele kum.

18 Wathi, Ndikunike sibambiso sini na? Wathi yena, Umsesane wakho, nesidanga sakho, nomsimelelo wakho osesandleni sakho. Wamnika ke, wamngena, wamitha yena ngaye.

19 Wesuka wemka, wasisusa isigqubuthelo sakhe, wambatha iingubo zobuhlolokazi bakhe.

20 UYuda walithumela itakane lebhokhwe ngesandla sesihlobo sakhe saseAdulam, ukuze samkele isibambiso esandleni senkazana leyo; asiyifumananga ke.

21 Sabuza kubantu baloo ndawo, sathi, Liphi na ing’awukazi ebe lise-Enayim ngasendleleni? Bathi, Akubangakho ng’awukazi apha.

22 Sabuyela kuYuda sathi, Andilifumananga; nabo abantu baloo ndawo bathe, Akubangakho ng’awukazi apha.

23 Wathi uYuda, Malizithabathe, hleze sidelwe. Yabona, ndithumele eli takane, ke wena akulifumananga.

24 Kwathi, emva kweenyanga ezintathu, waxelelwa uYuda kwathiwa, UTamare, umolokazana wakho, uhenyuzile; kananjalo, yabona, umithi ngokuhenyuza oko. UYuda wathi, Mkhupheni atshiswe.

25 Akukhutshwa, wathumela yena kuyisezala, wathi, Ndimithiswe yindoda ezizezayo ezi zinto; wathi, Khawufanise ukuba ngokabani na lo msesane, nesi sidanga, nalo msimelelo.

26 Wazifanisa uYuda, wathi, Ulilungisa kunam; wenze kuba ndingamnikanga uShela, unyana wam. Akabanga sabuya amazi.

27 Kwathi, ngexesha lokuzala kwakhe, nanku ingamawele esizalweni sakhe.

28 Kwathi, ekuzaleni kwakhe, kwavela isandla; wathabatha umzalisikazi, wabopha esandleni salo usinga olubomvu, esithi, Eli laphuma kuqala.

29 Kuthe ke, lakusibuyisa isandla salo, nanko kuphuma umzalwana walo. Wathi, Yini na ukuba uzityhobozele? Wathiywa ke igama lokuba nguPeretse.

30 Kwathi emva koko, kwaphuma umzalwana walo, obenosinga olubomvu esandleni sakhe; wathiywa igama lokuba nguZera.

<< ← Prev Top Next → >>